2 Ookumkani 2:23-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini!

24. Nyuka, nkqayindini! Wabheka ngasemva, walubona, waluqalekisa egameni likaYehova. Kwaphuma iibherekazi* zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mané anababini kulo.

25. Wesuka khona, waya entabeni yeKarmele; wesuka khona, wabuyela kwaSamari.

2 Ookumkani 2