37. imimiselo, namasiko, nomyalelo, nomthetho awanibhalelayo, nigcine ukwenza yona yonke imihla, ningoyiki thixo bambi;
38. umnqophiso endawenza nani, ningawulibali wona, ningoyiki thixo bambi.
39. NguYehova uThixo wenu yedwa eniya koyika yena; wonihlangula esandleni seentshaba zenu yena.