18. Igumbi elisithelisiweyo lesabatha, ababelakhé ngasendlwini, nendawo yokungena ukumkani ebingaphandle, wayishenxisela endlwini kaYehova, ngenxa yokumkani waseAsiriya.
19. Ezinye izinto zika-Ahazi awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
20. Walala uAhazi kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; waba ngukumkani uHezekiya unyana wakhe esikhundleni sakhe.