7. Ke izahlulo ezibini phakathi kwenu nonke, niphumayo ngesabatha, zosigcina isigxina sendlu kaYehova kukumkani;
8. nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe.
9. Benza ke abathetheli-makhulu ngako konke uYehoyada umbingeleli abewise umthetho ngako. Bathabatha elowo amadoda akhe, angénayo ngesabatha, kunye naphumayo ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli.
10. Umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe namakhaka abe engawokumkani uDavide, abesendlwini kaYehova.
11. Zema izigidimi, saeso saba neentonga zaso esandleni saso, zathabathela kwiphiko lasekunene lendlu, zesa kwiphiko lasekhohlo lendlu, ngasesibingelelweni, ngasendlwini, ngeenxa zonke kukumkani.