2 Ookumkani 11:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni laseSure; esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni emva kwezigidimi; nisigcine isigxina sendlu, nithintele.

7. Ke izahlulo ezibini phakathi kwenu nonke, niphumayo ngesabatha, zosigcina isigxina sendlu kaYehova kukumkani;

8. nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe.

9. Benza ke abathetheli-makhulu ngako konke uYehoyada umbingeleli abewise umthetho ngako. Bathabatha elowo amadoda akhe, angénayo ngesabatha, kunye naphumayo ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli.

10. Umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe namakhaka abe engawokumkani uDavide, abesendlwini kaYehova.

2 Ookumkani 11