2 Ookumkani 11:19-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wabathabatha abathethelimakhulu, nabancinithi, nezigidimi, nabantu bonke belizwe, behla nokumkani endlwini kaYehova, baya endlwini yokumkani ngendlela yesango lezigidimi. Wahlala ke etroneni yokumkani.

20. Bavuya bonke abantu belizwe; wazola umzi; kuba babembulele uAtaliya ngekrele endlwini yokumkani.

21. UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe.

2 Ookumkani 11