17. Weza kwaSamari, wababulala bonke abaseleyo kuAhabhi kwaSamari, wada wamtshabalalisa ngokwelizwi likaYehova, abelithethile kuEliya.
18. UYehu wabahlanganisa bonke abantu, wathi kubo, UAhabhi wamkhonza kancinane uBhahali,* uYehu yena uya kumkhonza kakhulu.
19. Ke ngoko babizeleni kum abaprofeti bakaBhahali bonke, abakhonzi bakhe bonke, nababingeleli bakhe bonke. Makungabikho mntu ungekhoyo; ngokuba ndinombingelelo omkhulu kuBhahali. Bonke abathe àbabakho, abayi kudla bomi. UYehu waye esenza le nto ebalalanisa, ukuze abatshabalalise abakhonzi bakaBhahali.
20. Wathi uYehu, Mmemeleni ingqungquthela engcwele uBhahali. Bayimema ke.
21. UYehu wathumela kumaSirayeli onke; beza bonke abakhonzi bakaBhahali, kwada akwasala namnye ungezanga. Bangena endlwini kaBhahali, bayizalisa indlu kaBhahali, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye.