2 Kwabasetesalonika 2:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Nangoku niyakwazi okubambezelayo, ukuze atyhileke ngelakhe ixesha.

7. Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; kodwa kulindwe ukuba ade lowo ubambezelayo ngoku asuswe kanye.

8. Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi ngomoya womlomo wayo, imbangise ngokubonakala kokufika kwayo:

9. kwalowo, úkufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla,

10. nemiqondiso, nezimanga zobuxoki, nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe.

11. Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki;

2 Kwabasetesalonika 2