2. Kuba kuló siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini;
3. ukuba siya kufunyanwa sambethe okunene, singezé.
4. Kuba kwathina aba bakulo mnquba siyancwina sisindwa, kungengakuba sithanda ukuhlutywa; kungokuba sithanda ukwambathiswa saleke, ukuze okunokufa kufincwe bubomi.
5. Ke kaloku lo usisebenzele kwaloo nto nguThixo, osinike nokusinika isinyaniso sakhe uMoya.