2 Kwabasekorinte 5:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kuba kuló siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini;

3. ukuba siya kufunyanwa sambethe okunene, singezé.

4. Kuba kwathina aba bakulo mnquba siyancwina sisindwa, kungengakuba sithanda ukuhlutywa; kungokuba sithanda ukwambathiswa saleke, ukuze okunokufa kufincwe bubomi.

5. Ke kaloku lo usisebenzele kwaloo nto nguThixo, osinike nokusinika isinyaniso sakhe uMoya.

2 Kwabasekorinte 5