2 Kwabasekorinte 5:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuba siyazi ukuba, xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, indlu yona emazulwini, engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade.

2. Kuba kuló siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini;

3. ukuba siya kufunyanwa sambethe okunene, singezé.

4. Kuba kwathina aba bakulo mnquba siyancwina sisindwa, kungengakuba sithanda ukuhlutywa; kungokuba sithanda ukwambathiswa saleke, ukuze okunokufa kufincwe bubomi.

2 Kwabasekorinte 5