2 Kwabasekorinte 3:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi.

7. Ke kaloku, ukuba ulungiselelo olo lubulalayo, lukroliweyo ematyeni ngobhalo, lweza lunobuqaqawuli, ngokude oonyana bakaSirayeli bangabi nakuqwalasela ebusweni bukaMoses, ngenxa yobuqaqawuli bobuso bakhe, ubuqaqawuli ke obebuza kubhanga:

8. lungathini na ulungiselelo lwakhe uMoya, ukungabi nobuqaqawuli ngokugqithiseleyo?

9. Kuba, ukuba ulungiselelo olugwebayo lunobuqaqawuli, kokukhona luya kugqithisela ngobuqaqawuli ulungiselelo lobulungisa.

10. Kuba kwanoko kwenziwe kwaba nobuqaqawuli, akwenziwanga kwaba nobuqaqawuli ngale ndawo, ngenxa ke yobuqaqawuli obu bona bubalaselayo.

11. Kuba xa oko bekuza kubhanga kunobuqaqawuli, kokukhona oku kuhleliyo kunobuqaqawuli.

12. Sínethemba elinjalo nje ke ngoko, kokukhona singafihlisiyo ukuthetha;

13. singaxelisi uMoses, yena wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe, ukuze oonyana bakaSirayeli bangaqwalaseli esiphelweni soko bekuza kubhanga.

14. Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo; kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, nto leyo ke ibhangayo kuKristu.

2 Kwabasekorinte 3