2 Kwabasekorinte 13:8-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kuba asinakwenza nto ngokuchasa inyaniso; sinokwenzela inyaniso.

9. Kuba siyavuya, xa sukuba singenamandla thina, nibe nina ninamandla; sithandazela nokuthandazela oku ke, ukuba nigqibelele ukulunga.

10. Ngenxa yoko ndibhala ezi zinto ndingekho, ukuze ndingàthi, ndakuba ndikho, ndenze kabukhali ngokwegunya, endalinikwa yiNkosi ukuba libe lelokwakha, lingabi lelokuchitha.

2 Kwabasekorinte 13