2 Kwabasekorinte 11:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Akwaba ningandinyamezela kancinane ekusweleni kuqonda kwam! Kodwa noko niyandinyamezela.

2. Kuba ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo; kuba ndanendisa ndodeni-nye, ukuze ndinimise phambi koKristu niyintombi enyulu.

3. Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu.

2 Kwabasekorinte 11