2 Kwabasekorinte 10:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kuba, naxa bendingathi ndigqithisele ukuqhayisa ngalo igunya lethu, esalinikwayo yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi, bendingedaniyo;

9. nditsho ukuze ndingangi ndifuna ukunoyikisa ngazo iincwadi ezi;

10. ngokuba kuthiwa, Iincwadi ezi zakhe okunene zinzima, zinamandla; kodwa ke akùbakho ngenkqu akanamandla, nokuthetha kwakhe akunto yanto.

11. Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sinjalo ngako ukuthetha ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho.

12. Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo; bona àbanangqondo, bezilinganisela nje kwakubo ngokwabo, bezifanisa nje nabo ngokwabo.

13. Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlinganiselo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni.

2 Kwabasekorinte 10