17. Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum uewe, ewe;
18. nohayi, hayi? Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi.
19. Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye;
20. kuba ngangoko angako amadinga kaThixo, uewe ukuye, noamen ukuye, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi.
21. Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo;
22. ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu.