2 Izikronike 9:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva ezweni lam lezinto zakho, nobulumko bakho.

6. Àndikholwanga ngamazwi abo, ndada ndeza, abona amehlo am; yabona, ndibe ndingaxelelwanga nesiqingatha esi sobuninzi bobulumko bakho; ùlugqithile udaba endibe ndiluvile.

7. Anoyolo amadoda akho; banoyolo abakhonzi bakho, abemiyo phambi kwakho ngamaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.

8. Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleyo, wakubeka etroneni yakhe, ukuba ube ngukumkani kuYehova uThixo wakho, ngokuwathanda kukaThixo wakho amaSirayeli, ukuba awamise ngonaphakade; wakumisa waba ngukumkani kuwo, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.

9. Ukumkanikazi wanika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente* zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube sabakho bulawu bungangobo, ukumkanikazi waseShebha wàbunika ukumkani uSolomon.

10. Kananjalo abakhonzi bakaHiram nabakhonzi bakaSolomon, abeza negolide bevela kwaOfire, beza nemialgumi* namatye anqabileyo.

11. Imialgumi leyo ukumkani wayenza izinyuko zendlu kaYehova, nezendlu yokumkani, neehadi, nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kubonwe injalo ngaphambili ezweni lakwaYuda.

2 Izikronike 9