2 Izikronike 9:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ukumkanikazi waseShebha waluva udaba lukaSolomon, weza kumlinga uSolomon ngemibuzo elukhuni eYerusalem, enesihlwele esinzima kunene, neenkamela ezithwele ubulawu, negolide eninzi, namatye anqabileyo. Weza kuSolomon, wathetha naye konke okube kusentliziyweni yakhe.

2. USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kuSolomon, angàbanga nako ukumtyhilela lona.

3. Wabubona ukumkanikazi waseShebha ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile;

4. nokudla kwetafile yakhe, neendawo zokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe nezambatho zabo, nabangcamli bakhe nezambatho zabo, nezinyuko zakhe abe enyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.

5. Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva ezweni lam lezinto zakho, nobulumko bakho.

6. Àndikholwanga ngamazwi abo, ndada ndeza, abona amehlo am; yabona, ndibe ndingaxelelwanga nesiqingatha esi sobuninzi bobulumko bakho; ùlugqithile udaba endibe ndiluvile.

2 Izikronike 9