2 Izikronike 7:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. USolomon wenza ke umthendeleko ngelo xesha iintsuku zasixhenxe enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu kunene, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa.

9. Benza ngomhla wesibhozo ingqungquthela; ngokuba ukusungulwa kwesibingelelo bakwenza iintsuku zasixhenxe, nomthendeleko iintsuku zasixhenxe.

10. Ngomhla wamashumi mabini anantathu wenyanga yesixhenxe, wabandulula abantu; baya ezintenteni zabo bevuya, bechwayithile, ngenxa yokulunga awakwenzayo uYehova kuDavide, nakuSolomon, nakumaSirayeli abantu bakhe.

11. Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani; nento yonke ekwathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze, endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa.

12. Wabonakala uYehova kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; ndizinyulele le ndawo ukuba ibe yindlu yokubingelela.

13. Ukuba ndithe ndalivala izulu, akwabakho mvula, ukuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa;

14. bathoba ke abantu bam, ábabizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilse ilizwe labo.

2 Izikronike 7