2 Izikronike 34:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem.

2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.

3. Ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe, esemncinane, waqala wamquqela uThixo kaDavide uyise, nangomnyaka weshumi elinesibini waqala wawahlambulula amaYuda neYerusalem, kwizigánga, nooAshera,* nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.

4. Bazidiliza phambi kwakhe izibingelelo zooBhahali,* neentsika zelanga ezibe ziphezu kwazo, wazigawula; ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo wayaphula, wayicola yaluthuli, wayisasaza phezu kwamangcwaba âbo babebingelele kuyo.

5. Wawatshisa amathambo ababingeleli phezu kwezibingelelo zabo, wawahlambulula ke amaYuda neYerusalem.

2 Izikronike 34