22. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. UAmon wabingelela kwimifanekiso yonke eqingqiweyo awayenzayo uManase uyise, wayikhonza.
23. Akazithobanga phambi koYehova, njengoko wazithobayo uManase uyise; ke yena lo Amon walikhulisa ityala.
24. Abakhonzibakhebamceba, bambulala endlwini yakhe.
25. Abantu belizwe bababulala bonke abacebi abo bokumkani uAmon. Abantu belizwe bemenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.