2 Izikronike 33:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UManase ubeminyaka ilishumi linamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem.

2. Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

3. Wabuya wazakha izigánga, awazidilizayo uHezekiya uyise; wabamisela ooBhahali* izibingelelo, wenza ooAshera,* wawunqula umkhosi wonke wezulu, wawukhonza.

2 Izikronike 33