2 Izikronike 32:17-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wabhala incwadi yokumngcikiva uYehova uThixo kaSirayeli, ethetha ngaye esithi, Njengokuba oothixo beentlanga zamazwe bengabahlangulanga abantu babo esandleni sam, ngokunjalo akayi kubahlangula noThixo kaHezekiya abantu bakhe esandleni sam.

18. Bámemeza ngelizwi elikhulu ngesiYuda ebantwini baseYerusalem ababeseludongeni, beboyikisa, bebaphelisa amandla, ukuze bawuthimbe loo mzi.

19. Bathetha ngoThixo weYerusalem njengoothixo bezizwe zehlabathi, umsebenzi wezandla zabantu.

20. Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini.

21. UYehova wathuma isithunywa sezulu, sawenza athi shwaka onke amagorha anobukroti, neengànga, nabathetheli, emkhosini wokumkani waseAsiriya. Wabuya, ubuso bakhe buthe khunubembe, waya ezweni lakhe. Wangena endlwini yothixo wakhe; bathi ababephume ezibilinini zakhe bamwisa khona ngekrele.

22. UYehova wamsindisa ke uHezekiya nabemi baseYerusalem esandleni sikaSaneribhe ukumkani waseAsiriya, nasesandleni sabangabambi; wabakhusela ngeenxa zonke.

23. Baba baninzi abazisa umnikelo kuYehova eYerusalem, nezinto ezinqabileyo kuHezekiya ukumkani wakwaYuda. Waphakanyiswa emehlweni eentlanga zonke emveni koko.

24. Ngezo mini wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha naye, wamnika umqondiso.

25. Ke uHezekiya akabuyekezanga njengokuphathwa kwakhe; ngokuba intliziyo yakhe yaphakama. Bafikelwa buburhalarhume, yena namaYuda neYerusalem.

26. Wazithoba uHezekiya ekuphakameni kwentliziyo yakhe, yena nabemi baseYerusalem; àbabafikela ngemihla kaHezekiya uburhalarhume bukaYehova.

27. UHezekiya ubenobutyebi nozuko olukhulu kunene, wazenzela izindlu zobuncwane besilivere, nobegolide, nobamatye anqabileyo, nobobulawu, nobeengweletshetshe, nobeempahla zonke ezinqwenelekayo,

28. noovimba bendyebo yengqolowa, neyewayini, neyeoli, nezitali zeentlobo zonke zeenkomo, nezibaya zemihlambi.

29. Wazenzela imizi yabalusi bemfuyo yempahla emfutshane, neyeenkomo ezininzi; ngokuba uThixo ubemnike impahla eninzi kunene.

2 Izikronike 32