14. Wawenza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo; wenza iikerubhi kuwo.
15. Wenza phambi kwendlu iintsika zambini: zaziikubhite ezimashumi mathathu anantlanu ubude bazo; ingqukuva esemantloko azo ibiziikubhite ezintlanu.
16. Wenza izidanga emqaleni, wazibeka emantloko eentsika; wenza ikhulu leerharnate, wazibeka ezidangeni.
17. Wazimisa iintsika phambi kwetempile, enye yangasekunene, enye yangasekhohlo; wathi igama leyasekunene nguZinzisayo, negama leyasekhohlo nguMandlakuye.