2 Izikronike 3:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wawenza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo; wenza iikerubhi kuwo.

15. Wenza phambi kwendlu iintsika zambini: zaziikubhite ezimashumi mathathu anantlanu ubude bazo; ingqukuva esemantloko azo ibiziikubhite ezintlanu.

16. Wenza izidanga emqaleni, wazibeka emantloko eentsika; wenza ikhulu leerharnate, wazibeka ezidangeni.

17. Wazimisa iintsika phambi kwetempile, enye yangasekunene, enye yangasekhohlo; wathi igama leyasekunene nguZinzisayo, negama leyasekhohlo nguMandlakuye.

2 Izikronike 3