2 Izikronike 3:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USolomon waqala ukuyakha indlu kaYehova eYerusalem, entabeni yeMoriya, apho uYehova wabonakala khona kuDavide uyise, endaweni awayilungisayo uDavide, esandéni sikaOrnan umYebhusi.

2. Waqala ukwakha ngenyanga yesibini, ngowesibini umhla, ngomnyaka wesiné wobukumkani bakhe.

3. Siso esi isiseko awasibekayo uSolomon ekuyakheni kwakhe indlu kaThixo; ubude iikubhite* ngokomlinganiso omdala bebuziikubhite ezimashumi mathandathu; ububanzi bebuziikubhite ezimashumi mabini.

4. Ivaranda,* ebingaphambi kobude bendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini, ingangobubanzi bendlu, nokuphakama kwayo kwakuziikubhite ezilikhulu elinamanci mabini; wayaléka ngaphakathi ngegolide ecocekileyo.

5. Indlu enkulu wayaléka ngemisipres,* wayaléka ke yona ngegolide entle, wenza kuyo amasundu nezidanga.

2 Izikronike 3