21. ngokuba uAhazi wayeyiphangile indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nabathetheli, wanika ukumkani waseAsiriya; akwamnceda nto noko.
22. Ngexesha lokubandezelwa kwakhe waphinda wenza ubumenemene kuYehova, yena ukumkani uAhazi.
23. Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezazimeyisile, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ezawancedayo, ndobingelela kuzo; zondinceda nam. Ke zona zaba sisikhubekiso kuye nakumaSirayeli onke.
24. UAhazi wazihlanganisa iimpahla zendlu kaThixo, wazinqunqa iimpahla zendlu kaThixo, wazivala iingcango zendlu kaYehova. Wazenzela izibingelelo ezimbombeni zonke zaseYerusalem,