2 Izikronike 28:19-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ngokuba uYehova wawathoba amaYuda ngenxa ka-Ahazi, ukumkani wakwaSirayeli; ngokuba wenza inyala kwaYuda, wenza ubumenemene kuYehova.

20. UTilegati-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wamfikela, wambandezela, akamomeleza;

21. ngokuba uAhazi wayeyiphangile indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nabathetheli, wanika ukumkani waseAsiriya; akwamnceda nto noko.

22. Ngexesha lokubandezelwa kwakhe waphinda wenza ubumenemene kuYehova, yena ukumkani uAhazi.

23. Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezazimeyisile, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ezawancedayo, ndobingelela kuzo; zondinceda nam. Ke zona zaba sisikhubekiso kuye nakumaSirayeli onke.

2 Izikronike 28