1. UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem.Ă€kakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova njengoDavide uyise;
2. wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, kananjalo wabenzela ooBhahali* imifanekiso etyhidiweyo.
3. Waqhumisela yena emfuleni waseBhen-hinom, wabatshisa oonyana bakhe ngomlilo, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.