1. UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mané engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.
2. UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla kaYehoyada umbingeleli.
3. UYehoyada wamzekela abafazi ababini; wazala oonyana neentombi.
4. Kwathi emveni koko kwaba sentliziyweni kaYowashe, ukuba ayihlaziye indlu kaYehova.