2 Izikronike 24:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mané engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.

2. UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla kaYehoyada umbingeleli.

3. UYehoyada wamzekela abafazi ababini; wazala oonyana neentombi.

4. Kwathi emveni koko kwaba sentliziyweni kaYowashe, ukuba ayihlaziye indlu kaYehova.

2 Izikronike 24