2 Izikronike 20:24-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Afika amaYuda emboniselweni yasentlango, akhangela kuloo ngxokolo, abóna bezizidumbu, bequngqululzile emhlabeni, kungekho usindileyo.

25. UYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba; bafumana kubo into eninzi: impahla, nezidumbu, nezinto ezinqwenelekayo; baziphangela, kwayinkohla ukuyithwala. Baba ntsuku ntathu bewaphanga amaxhoba, ngokuba abemaninzi.

26. Ngomhla wesiné bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.

27. Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.

28. Angena eYerusalem enemirhubhe, neehadi, namaxilongo, aya endlwini kaYehova.

2 Izikronike 20