3. Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe; ngokuba ubatshisile ooAshera* ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.
4. Wahlala uYehoshafati eYerusalem; wabuya waphuma, wahamba phakathi kwabantu, wathabathela eBher-shebha wesa ezintabeni zakwaEfrayim, wababuyisela kuYehova, uThixo wooyise.
5. Wamisa abagwebi ezweni, emizini yonke yakwaYuda enqatyisiweyo, kwimizi ngemizi.
6. Wathi kubagwebi, Kulumkeleni enikwenzayo; ngokuba àkungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unáni ke emcimbini wokugweba.
7. Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.
8. Kananjalo eYerusalem uYehoshafati wamisa inxenye yabaLevi, nababingeleli, neentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli, ngenxa yogwebo lukaYehova, nangenxa yokubambana kwabantu. Babuyela kwaseYerusalem.
9. Wabawisela umthetho wathi, Niya kwenjenjalo ukumoyika uYehova ngokunyanisekileyo, nangentliziyo epheleleyo.