9. Kwaphuma kwaza kulwa nabo uZera umKushi, enempi eliwaka lamawaka, neenqwelo zokulwa ezimakhulu mathathu; wada weza eMaresha.
10. Waphuma uAsa esiya kumhlangabeza, bákha izintlu emfuleni weTsefata eMaresha.
11. UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo. Síncede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayamé ngawe, sizé kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, ùnguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.
12. UYehova wawaxabela amaKushi phambi koAsa, naphambi kwamaYuda; asaba ke amaKushi.