2 Izikronike 13:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ke uYarobheham wazungulezisa abalaleli, ukuba baye ngasemva kwawo; baba ngaphambi kwamaYuda bona; abalaleli baba ngasemva kwawo.

14. Abheka amaYuda, ayibona impi ingaphambili nangasemva kwawo. Akhala kuYehova, ababingeleli bevuthela amaxilongo; aduma onke amadoda akwa Yuda.

15. Kwathi ekudumeni kwamadoda akwaYuda, wesuka uThixo wabetha kuYarobheham namaSirayeli onke phambi koAbhiya namaYuda.

16. Basaba oonyana bakaSirayeli ebusweni bamaYuda; uThixo wabanikela esandleni sawo.

17. UAbhiya nabantu bakhe bababulala kakhulu; kwawa ababuleweyo kwaSirayeli amakhulu amahlanu amawaka amadoda ahleliweyo.

2 Izikronike 13