1. Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham, uAbhiya waba ngukumkani kwaYuda.
2. Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMikaya, intombi kaUriyeli waseGibheha.Kwabakho imfazwe phakathi koAbhiya noYarobheham.
3. UAbhiya wayiqala imfazwe ngempi yamagorha okulwa, engamakhulu amané amawaka ahleliweyo; uYarobheham naye wazakha izintlu zakhe zokulwa naye, zingamakhulu asibhozo amawaka ahleliweyo, angamagorha anobukroti.
4. Wesuka wema uAbhiya entabeni yeTsemarim, ekweleentaba lakwaEfrayim, wathi, Ndiphulaphuleni, wena Yarobheham, nani maSirayeli nonke;
5. aninakwazi na ukuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ubukumkani kumaSirayeli wabunika uDavide ngonaphakade, yena noonyana bakhe, ngomnqophiso wetyuwa?
6. Wesuka uYarobheham unyana kaNebhati, umkhonzi kaSolomon unyana kaDavide, wagwilika kwinkosi yakhe;