23. Wathi uSamuweli kumpheki, Ethe isabelo endakunikayo, ndathi kuwe, Sibeke.
24. Wawuzisa umlenze lowo nento ephezu kwawo, wabeka phambi koSawule. Wathi uSamuweli, Nantso into endikubekeleyo, ibekiwe phambi kwakho, yidla; ngokuba ibigcinelwe wena, ukuba ibe yeyeli xesha, kususela koko ndathi, Ndibamemile abantu. Wadla uSawule noSamuweli ngaloo mini.
25. Behla esigangeni apho, beza phakathi komzi; wathetha noSawule phezu kwendlu.
26. Bavuka kusasa; kwathi, xa kunyuka isifingo, uSamuweli wamemeza kuSawule phezu kwendlu, esithi, Vuka, ndikugoduse. Wavuka uSawule; baphuma baya phandle bobabini, yena noSamuweli.
27. Behlile, baya ekupheleni komzi, wathi uSamuweli kuSawule, Yitsho kumfana lo agqithele phambi kwethu (wagqitha ke); khawume wena ngoku, ndikuvise ilizwi likaThixo.