1 Usamuweli 6:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ityeya kaYehova yaba semhlabeni wamaFilisti iinyanga ezisixhenxe.

2. AmaFilisti abiza ababingeleli nabavumisi, esithi, Síyithini na ityeya kaYehova? Saziseni into esingayigodusa nayo, iye endaweni yayo.

3. Bathi, Ukuba iyagoduswa ityeya yoThixo kaSirayeli, musani ukuyigodusa ilambatha; ukuyibuyisela kuye, noyibuyisela inedini letyala. Niya kuphiliswa; kuya kwandula ukwazeka kuni, ukuba bekungàni na ukuba isandla sakhe singesuki kuni.

4. Athi, Linyintoni na idini letyala esolibuyisela kuye? Bathi, Lingamathumba egolide amahlanu, neempuku zegolide ezintlanu, ngokwenani lezikhulu zamaFilisti; ngokuba sinye isibetho kuni nonke, nakwizikhulu zenu.

5. Ize niyenze imifanekiso yamathumba enu, nemifanekiso yeempuku zenu ezilonakalisayo ilizwe, nimzukise uThixo kaSirayeli; mhlawumbi wosenza lula isandla sakhe kuni, nakoothixo benu, nakwilizwe lenu.

6. Yini na ukuba niziqaqadekise iintliziyo zenu, njengokuba aziqaqadekisáyo iintliziyo zawo amaYiputa noFaro? Àkuthanga na, ákuzenza izenzo ezincamisayo kuwo, amaYiputa awandulula amaSirayeli, emka ke?

7. Thabathani ngoko, nenze inqwelo entsha, nithabathe iimazi ezimbini ezintsha ezanyisayo, ezingazanga zibekwe dyokhwe, nizibophe enqwelweni, niwanqande amathole azo kuzo, aye ekhaya.

1 Usamuweli 6