Bathi, Ukuba iyagoduswa ityeya yoThixo kaSirayeli, musani ukuyigodusa ilambatha; ukuyibuyisela kuye, noyibuyisela inedini letyala. Niya kuphiliswa; kuya kwandula ukwazeka kuni, ukuba bekungàni na ukuba isandla sakhe singesuki kuni.