1. Ke kaloku umntwana uSamuweli wayelungiselela kuYehova phambi koEli. Ilizwi likaYehova laliswelekile ngaloo mihla; kwakungekho mbono utyhilekileyo.
2. Kwathi ngaloo mhla, elele uEli endaweni yakhe, amehlo akhe eqale ukuba norhatyazo ukuba angabi nakubona,
3. singekacinywa isibane sikaThixo, uSamuweli elele ebhotweni likaYehova, apho ibikhona ityeya kaThixo,
4. uYehova wambiza uSamuweli; wathi yena, Ndilapha.
5. Wabalekela kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga; buya uye kulala. Waya walala.
6. Waqokela uYehova wambiza uSamuweli. Wavuka uSamuweli, waya kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga, nyana wam; buya uye kulala.