1 Usamuweli 29:5-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Lo asinguye na uDavide, ababevuma ngaye ekungqungqeni, besithi,USawule ubulele amawaka akhe,UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?

6. UAkishe wambiza uDavide, wathi kuye, Ehleli nje uYehova, ùthe tye wena; kùhle emehlweni am ukuphuma kwakho nokungena kwakho nam emkhosini; ngokuba andifumananga bubi kuwe, kuthabathela kumhla wokuza kwakho kum, kuzise kule mini; ke emehlweni ezikhulu akumhle.

7. Ke ngoko buya, uhambe unoxolo, ungenzi bubi emehlweni ezikhulu zamaFilisti.

8. Wathi uDavide kuAkishe, Ndenzé ntoni na? Ùfumene ntoni na kumkhonzi wakho, kuthabathela kumhla wokubakho kwam phambi kwakho, kuzise kule mini, ukuba ndingayi nje, ndilwe neentshaba zenkosi yam ukumkani?

1 Usamuweli 29