1 Usamuweli 27:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UDavide wathi entliziyweni yakhe, Kaloku ndoza ndibulawe ngenye imini sisandla sikaSawule; akukho nto indilungeleyo; ke mandizisindise, ndizisindisele ezweni lamaFilisti, andincame uSawule, angabi sandifuna emideni yonke yamaSirayeli, ndisinde ke esandleni sakhe.

2. Wesuka ke uDavide, wawela yena namadoda angamakhulu amathandathu abenawo, waya kuAkishe, unyana kaMahoki, ukumkani waseGati.

1 Usamuweli 27