1. UDavide wathi entliziyweni yakhe, Kaloku ndoza ndibulawe ngenye imini sisandla sikaSawule; akukho nto indilungeleyo; ke mandizisindise, ndizisindisele ezweni lamaFilisti, andincame uSawule, angabi sandifuna emideni yonke yamaSirayeli, ndisinde ke esandleni sakhe.
2. Wesuka ke uDavide, wawela yena namadoda angamakhulu amathandathu abenawo, waya kuAkishe, unyana kaMahoki, ukumkani waseGati.