1 Usamuweli 26:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. USawule wamisa endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, ngasendleleni. Ke uDavide wayehleli entlango; wabona ukuba uSawule uyamlandela entlango.

4. UDavide wasusa iintlola, wazi ngazo ukuba uSawule uzile okunene.

5. Wesuka uDavide, waya kuloo ndawo ebemise kuyo uSawule. Wayibona uDavide indawo alele kuyo uSawule, noAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi wakhe; uSawule elele ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, abantu bemise iintente ngeenxa zonke kuye.

6. Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule empini? Wathi uAbhishayi, Mna ndohla nawe.

7. Waya uDavide noAbhishayi ebantwini ebusuku. Nanko uSawule elele ubuthongo ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, igxunyekiwe intshuntshe yakhe emhlabeni ngasentlokweni yakhe; ke uAbhinere nabantu bakhe belele ngeenxa zonke kuye.

1 Usamuweli 26