12. Wathumela wayizisa. Yaye ingqombo, emahle amehlo ayo, intle nembonakalo yayo. Wathi uYehova, Suka ume, umthambise; ngokuba nguye lo.
13. USamuweli wathabatha isigodlo seoli, wamthambisa esesazulwini sabakhuluwa bakhe. UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uDavide, ukususela kuloo mini. Wesuka ke uSamuweli, waya eRama.
14. Ke uMoya kaYehova wemka kuSawule; wadandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuYehova.
15. Bathi abakhonzi bakaSawule kuye, Yabona, udandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuThixo.
16. Inkosi yethu mayithethe, abakhonzi bakho abaphambi kwakho baye kufuna indoda ekwaziyo ukubetha uhadi; kuthi, wakuba phezu kwakho umoya ombi ophuma kuThixo, ilubethe ngesandla sayo, kulunge kuwe.
17. Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Khanindikhangelele indoda ebetha kamnandi, niyizise kum.
18. Waphendula omnye umfana wathi, Yabona, ndibone unyana kaYese waseBhetelehem okwaziyo ukubetha; ligorha elinobukroti, indoda yokulwa, iciko lokuthetha, umfo omhle; uYehova unaye.
19. USawule wathuma abathunywa kuYese, wathi, Mthumele eze kum uDavide, unyana wakho, osempahleni emfutshane.