1 Usamuweli 15:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wathi uSawule kumaKeni, Hambani nihle, nimke kuma-Amaleki, hleze ndiniquke nawo; nina nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo eYiputa. Emka ke amaKeni kuma-Amaleki.

7. USawule wawaxabela ama-Amaleki, wathabathela eHavila wada waya eShure, ekhangelene neYiputa.

8. Wambamba uAgagi ukumkani wama-Amaleki ehleli, wabasingela phantsi bonke abantu ngohlangothi lwekrele.

9. USawule nabantu bamsindisa uAgagi, neyona ilungileyo impahla emfutshane, neenkomo, neyalekelwayo, neemvana, izinto zonke ezilungileyo àbavuma ukuzisingela phantsi zona; ke yonke impahla edelekileyo, egxugxileyo, bayisingela phantsi.

10. Lafika ilizwi likaYehova kuSamuweli, lisithi,

11. Ndiyazohlwaya ngenxa yokuba ndimenzile uSawule ukumkani; ngokuba ebuyile ekundilandeleni, akalifeza ilizwi lam. Wavutha ngumsindo uSamuweli, wakhala kuYehova ubusuku bonke.

12. Wavuka kusasa uSamuweli, waya kukhawulela uSawule kusasa. Waxelelwa uSamuweli kwathiwa, USawule uze eKarmele; nanko ezimisele isikhumbuzo, ejike wegqitha, wehla waya eGiligali.

1 Usamuweli 15