6. Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa.
7. Wathi umphathi weentonga zakhe kuye, Yenza konke okusentliziyweni yakho; singa phaya; yabona, ndinawe ngokwentliziyo yakho.
8. Wathi uYonatan, Yabona, siyaphumela, siya kulaa madoda, siya kuzibonakalisa kuwo.
9. Ukuba athe kuthi, Hlalani, side size kuni; siya kuma kuloo ndawo yethu, singenyuki siye kuwo.