11. Kwathi ngengomso uSawule wabamisa abantu bazizihlwele ezithathu, bafika phakathi kwempi ngomlindo wokusa, bawabulala ama-Amon yada yafudumala imini. Kwathi aseleyo aphangalaliswa; akwasala kuwo nokuba abe mabini ndaweni-nye.
12. Bathi abantu kuSamuweli, Ngoobani na abo babesithi, USawule uya kuba ngukumkani kuthi na? Waziseni loo madoda, siwabulale.
13. Wathi uSawule, Makungabulawa mntu namhla; ngokuba namhla uYehova wenze usindiso kwaSirayeli.
14. Wathi uSamuweli ebantwini, Hambani, siye eGiligali, sibusungule khona ubukumkani.
15. Baya ke bonke abantu eGiligali; bamenza ukumkani uSawule phambi koYehova eGiligali apho; wabingelela apho imibingelelo yoxolo phambi koYehova. Bavuya kunene apho ooSawule namadoda onke akwaSirayeli.