1 Ookumkani 22:37-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Wafa ke ukumkani, waziswa kwaSamari. Bamngcwabela ukumkani kwaSamari.

38. Yahlanjwa inqwelo yokulwa echibini lakwaSamari; izinja zalixhapha igazi lakhe (ehlamba apho amahenyukazi), ngokwelizwi likaYehova abelithethile.

39. Ezinye izinto zika-Ahabhi, nako konke awakwenzayo, nendlu awayakhayo ngeempondo zeendlovu, nemizi yonke awayakhayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? Walala uAhabhi kooyise;

40. uAhaziya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

41. UYehoshafati, unyana ka-Asa, waba ngukumkani kwaYuda ngomnyaka wesiné ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli.

42. UYehoshafati ube minyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.

43. Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo; esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.

44. UYehoshafati wahlalelana ngoxolo nokumkani wakwaSirayeli.

1 Ookumkani 22