1 Ookumkani 22:37-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Wafa ke ukumkani, waziswa kwaSamari. Bamngcwabela ukumkani kwaSamari.

38. Yahlanjwa inqwelo yokulwa echibini lakwaSamari; izinja zalixhapha igazi lakhe (ehlamba apho amahenyukazi), ngokwelizwi likaYehova abelithethile.

39. Ezinye izinto zika-Ahabhi, nako konke awakwenzayo, nendlu awayakhayo ngeempondo zeendlovu, nemizi yonke awayakhayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? Walala uAhabhi kooyise;

40. uAhaziya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

41. UYehoshafati, unyana ka-Asa, waba ngukumkani kwaYuda ngomnyaka wesiné ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli.

42. UYehoshafati ube minyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.

1 Ookumkani 22