34. Wathi umntu watyeda isaphetha, efunisela, watsho kukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi yena kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undise ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
35. Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram, wafa ngokuhlwa; igazi lenxeba lakhe lankcenkceza, laya esiswini senqwelo.
36. Kwavakala kukhwazwa emkhosini ukutshona kwelanga, kusithiwa, Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe!
37. Wafa ke ukumkani, waziswa kwaSamari. Bamngcwabela ukumkani kwaSamari.
38. Yahlanjwa inqwelo yokulwa echibini lakwaSamari; izinja zalixhapha igazi lakhe (ehlamba apho amahenyukazi), ngokwelizwi likaYehova abelithethile.