1 Ookumkani 19:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UAhabhi wamxelela uIzebhele konke awakwenzayo uEliya, nokubabulala kwakhe abaprofeti bonke ngekrele.

2. UIzebhele wathuma umthunywa kuEliya, esithi, Mabenjenje oothixo kum baqokele ukwenjenje, ukuba andithanga, mayela ngeli xa ngomso, ndiwenze umphefumlo wakho ube njengomphefumlo womnye kubo.

3. Wabona, wesuka wahambela ukusindisa umphefumlo wakhe.Waya eBher-shebha, eyeyakwaYuda, wayishiya khona indodana yakwakhe.

1 Ookumkani 19