1 Ookumkani 11:41-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Ezinye izinto zikaSolomon, nako konke awakwenzayo, nobulumko bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi kaSolomon?

42. Ke imihla abengukumkani ngayo uSolomon eYerusalem kumaSirayeli onke, yaba yiminyaka emashumi mané.

43. USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1 Ookumkani 11