1 Kwabasetesalonika 4:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi.

2. Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu.

3. Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo;

1 Kwabasetesalonika 4